Saturday, May 9, 2009

Iingxaki Zika Senzo

SCENE ONE

(uSenzo uyobona Umhlobo wakhe etarven. Umculo uyatsho ngaphakathi etarven, Umhlobo uyasela. Endleleni eya etarven uSenzo uhamba eng’alaza, utyiwa yi drop. Uthi xa echama kwalapha endleni ibengathi uchama amatye)

Senzo:
(Uthetha yedwa) Indifumene kanjani la cherry. Andiyazi ukuba bendisiyaphi kwinto embi ngolwa hlobo. Itsho ngomlomo ngathi lizembe, amagxa atsolo ngathi lintshontsho lentaka elimanzi. (achame, aqale ngoku bheka bheka, ekhupa ipipi yakhe ebrukhweni, eyicenga) Shu! Ibuhlungu lento. Umntu achame ngathi uchama amanzi abilayo. Ukuba ndinganayo i chance, ndingamthumela ngoo hili la mntwana. Kutheni umntu angatsho maan xa enesifo esisulela kabuhlungu kangaka? Yilonto amajita engamfuni la mntwana. Kutheni maan amajita ebengandi xavisi. Eyi, kodwa nam ndiyayithanda into. Ndiyithanda ngathi ndandizalelwe yona, okanye ngathi yayizalelwe mna.

(ufika kumhlobo wakhe etarven, abulise) Hey bra Lion. Bendiyazi ulapha, utya I laja (lager). Otherwise zikhiphani bra?

Lion:
Ekse Senzo! Zonke zinamanqatha bra kodwa azityebanga. Otherwise? Huzet?

Senzo:
(Esesezintlungwini). Hey bra, ndikhawethekile. Uyayikhumbula lacherry yase mapayineni?

Lion:
Le ka Bhiza? Ndisamfuna nam la mntwana kanjani.

Sento:
Not yena. Ndamyeka lowo uBhiza wakrobela. Ndimane ndisiya nje xa ku blind. Mna ndithetha ngalanto inesisu ngathi sine Galimoya. La cherry yayikhe yabethwa nangu Tools.

Lion:
Oh! Yah! Ndiyayibona. Itheni?

Senzo:
Eyi! La way bendiyibetha last week, ndazibona ndine pipi ephuma imifinya, yaphele ibabu bomvu.

Lion:
(ehleka) Serious bra yam? Tshotsho. Ndandithe ndiphe uBabalwa. Wathini wena? Wahleka! Kuhleka mna ngoku. Ingaske iqhawuke nalo pipi

Senzo:
Bra iserious le way. Bendiye eclinik bathi zendiphinde ndibuye. Iyandibulala le way.

Lion:
Bra, ndiyakucebisa buyela kula klinik. Nawe maan udlala ixesha elide ungayeki. Izinto zokudlala ezinye zazo zinamazinyo, ziyaluma bra (entertained).

Kutheni ungafumanii i glass eyi one yelaja uzo hamba ugrand?

Senzo:
Ingandi bulala. Ndichama ngathi ndichama imbawula bra. Ingathi ndimpompa amatye la way. I laja yona ndiyayi bawela, qha heyi, kunga blind kum. Bra yam mandihambe. maan (Aphume)


Scene two

Nurse:
(Unesi uhleli yedwa) Kugcwele ke namhlanje kukle clinik. Xa kunje, ndindedwa ndisenokungayi nakulo ti. (Ekhwaza) Olandelayo. (angene uSenzo) Oh! Senzo Mhlobo wam. Ngena Senzo. Hlala pantsi.

Senzo:
Enkosi Nurse.

Nurse:
Ndandithe uzubuye kanene Senzo. (Ayothatha iingxelo). Nazi ingxelo zakho senzo. (Ezijonga uNurse). Heyi Senzo, ndinee ndaba ezimbi nezintle. Ndiqale ngeziphi na kanene? (ezibuza).

Senzo:
Qala ngezintle Nurse. Usuku lwan oko luzindaba ezimbi.

Nurse:
Senzo mhlobo wam, njengoko bendikutsale igazi, igazi lakho lifunywene line Syhillis, iqcushuwa ukutsho oko.

Senzo:
Awunesi. Igcushuwa iqale nini ukuba ziindaba ezimnandi. Kungathini ukuba ziindaba ezimnandi ukuchama kabuhlungu kangaka nurse?

Nurse:
Kaloku Senzo mhlobo wam igcushuwa siyayinyanga apha eklinik. Ndizakukunika amayeza azakukunceda.

Senzo:
(Ebubhideka) Ndiyakuva ke Nurse. Zithini ezimbi?

Nurse:
Ubuthe Senzo kwilixa elingaphambili unenkosikazi Kwaye ikhulelwe. Ineenyanga ezingaphi ikhulelwe inkosikazi yakho Senzo?

Senzo:
Unzima loombuzo Nurse. Phayana kwam kukho i division of labour. Mna ndiyindoda ndijongana nokumithisa, inkosikazi yona ibala inyanga imithi. Andiqiniseki ke ngenxa yalo nto. Mhlawumbi zinthathu okanye zine.

Nurse:
Ndiyakuva Senzo. Phambi kokuba ndize kwezi ndaba zimbi, kubalulekile ukuba lo sisi ukusuleleyo eze naye eklinik azokuncedakala.

Senzo:
Andisulele ndiphinde mna ndizihluphe ngaye? Makazizele angeva ngam. Phofu, akayiyo necherry yam. Bendinxanwe ngela xesha qha.

Nurse:
Ingxaki Senzo uzakuqhubeka ukusulela abanye.

Senzo:
Andinandaba.
Zithini iindaba ezimbi Sister? Lacherry iziphethe kasubi. Ndingakuthembisa sister, neentwala zehagu unazo lamntu. Ukuba akanazo uzakube uyaziyekele. Ziyamfanela iintwala zehagu. Ingakumbi ezizinkulu zimnyama.

Nurse:
Mandiyiyeke lena into Senzo ingathi asizukuphelela ndawo ngayo. Masize kwezindaba zimbi. (Etshintsha itone) Senzo mhlobo wan, kufumaniseke ukuba egazini lakho kukho intsholongwane kagawulayo, iHIV

Senzo:
(Othukile) Intoni? Kum? Soze! Zange ndanayo mna lonto, soze futhi. Utata wam wasweleka engenayo lo nto. Soze iqale kum phaya ekhaya

Nurse:
Kaloku Senzo mhlobo wam, iHIV uyisulelwa ngumntu onayo, nawe ungayisulela komnye umntu. Yilonto kubalulekile ukuba inkosikazi yakho ize eklinik

Senzo:
Inkosikazi yam ingena phi kulento? Inkosikazi yam ibicwangcisa ixesha elide. Soze ibena ntsholongwane. I HIV yinto yoo Phumza. Ngabo abantu abanale nto phaya elalini. Zange ndalala naPhumza mna.

Nurse:
Senzo mhlobo wam, into endifuna undithembise yona kukuba uzakuza nayo inkosikazi apha eklinik. Cingela umntwana Senzo. Usana lungakhuseleka kwintsholongwana.

Senzo:
Usana olungekazalwa, esingayaziyo nokuba yinkwenkwe okanye intombi lungena phi kulento othi isulela ngokulalana? Selulele nabani olusana?

Nurse:
I HIV iyakwazi ukumsulela umntwana okwisibeleko sikanina, yilo nto sifuna ukumkhusela. Uyandithembisa ke Senzo ukuba uzakuza naye unkosikazi?

Senzo:
Eyi nurse, awubazi wena abafazi. Lo mntu uzaku hamba ethetha ngam ukuba engayazi lento. Kaloku ixesha elininzi ndiye ndimkhabele ukubuza na nam uchuku.

Nurse:
Ndiyakucela ke Senzo mhlobo wam ukuba uze naye unkosikazi. Hamba ke Senzo uyekwelagumbi wawuqale kulo, bazakwenza i post test counseling
(Aphume uSenzo ethekhunubembe)


Scene three

Mazala:
(Umama ka Senzo uyashwabula yedwa endlwini) Wabaneliswa uSenzo unyana wam, ukutshata into enje! Uyonqena, utyhafile, akakwazikupheka. Umfazi olala ilanga lide lingene ezimpundu? Ndiyamqalekisa umfazi owazala lomntwana. Iphi khona lento? Uthi ndiphunga nini? Etsho ngamaqatha ngathi sisithunzela. Soze ibekanti akathakathi lomntwana. Etsho ngamehlo ngathi uqhuba ikhetshi. (Ekhwaza) Nosanti! Nosanti!! Rha! yinjakazi umakoti wam jealous down! Nosanzi!!

Nosanti:
Yho lo mama! Akandifuni kanene. I wonder ndamenzani. Mhlawumbi ebefuna ukutshatela kuSenzo bethu? (Esabela) Mama! Ndiyeza!

Mazala:
Nosanti, kudala ndisithi yeka ukuhlala elangeni ngathi ulicikishe. Uzakundizalela umntwana unenkani. Hlala apha. (Ahlale) Mandikuxelele ke ntombi yase mzini. Umntwana wokuqala apha emaZizini uzalelwa apha endwini. Nawe ke uzakuguqa emva kwala mnyango, ulubeke usana lugangwe ziintombi zalapha kwaZizi. Lisiko ke lalapha, lidala.

Nosanti:
Ndayiva lo nto mama, kodwa kwi radio kuthiwa sibelekele ezibhedlele. Yilo nto ndizakuya ekhaya kule nyanga yam yokubeleka khonukuze ndibekufutshane nesibhedlele.

Mazala:
Ungasiphatheli imihlola apha mamCirha. Khumbula ukuba kwa ukuza oku kwakho apha kwaxoxisa, kwaphantse ukuhlula umzi kubini. Ungakhe ulinge usiphathele Izimbo ezingaziwayo apha. Lo mntwna uzakuzalelwa apha, ezaliswa ngoomama abazalisayo apha kwelikhaya. USenzo wazalelwa apha, zikhona eziradio nezizibhedlele eziuthetha ngazo.

Nosanti:
Kaloku mama wam sukulibala ukuba mna nawe size ngokwenda apha, sukuzenza ngathi uliZizi. Ukuba wena wawumnandelwe kukuzalela endlwini, mna andimnandelwanga. Zange ndazalelwa ndlwini kwamna.

Mazala:
Yiva ke nokhontoni ndikuxelel into ongayibuzwanga. Apha soze sive ngawe. Xa usiphathela umgqakwe apha yazi ukuba uzakuhamba naye. Oko wafika apha, oko ndakukhusela ungafunwa. Awufunwa apha kuba ukrwada, uyonqena, umbi, unezothe ebantwini.

Mzale lomntwana wakho ngalo ndlela yakho ingaziwayo, kodwa uyazi ukuba soze axhelelwe nto apha emaZizini. (Kungena uSenzo) Heke, nanku uSenzo inkulu ka Pikoko, iZizi elihle. (KuSenzo) Senzo khawuthethe nalo nopatazana wakho, umxelele amasiko alapha

Senzo:
(Elungisa kwa ukuhamba) Kwenzeka ntoni apha ekhaya, yangathi kuheshwa umshologu, okanye kutuwele inja endlini. (UMazala selephumile)

Nosanti:
(Esenomsindo) Ndixabana no mama, uthi mandizalele emva kwela cango. Ndingayenza njano lonto. Kwa funyanwa iinyoka kwade kwa kabini zizisonge phayana.
Mna ndizaku belekela esibhedlele.

Senzo
Eyi, wena nomama, ukuba umntu engayingena lento yena enganentloko. Sukumhoya umama nkosikazi. Kodwa, khumbula ukuba ngu mazala wakho, yilonto kufuneka umhloniphile.

Nosanti:
(Umsindo usihla) Hayi masithethe ngathi Zizi lam. Yintoni maan singakhe sibe nexesha sobabini. Ndiyakukh:umbula, yinyanga yesibini le. Kutheni na wena, awufuni kukhulisa lomntwana?

Senzo:
Not namhlanje. Ndidiniwe namhlanje. Ndinento apha emqolo endenza ngathi ndiphuma ekhephini. Umzimbo wonke uyala. Ndifuna ukuphumla.

Nosanti:
Akukho ngxaki myeni wan, ndizaku mdlalisa nje uDlamini, ndimbukele xa etakataka. Lonke eloxesha uzakube ungqengqile. (abe busondela kuSenzo)

Senzo:
(Ebhekela) Hayi noSanti, sukusondela! Kutheni ufuna ukundibambi nje. Nditshilo moss ukuba ndiyaqaqanjelwa. Gxebe, ndidiniwe. Uva xa kusithiwani. Kutheni uhleli nje undijikeleza ngochuku? Andithi ndithe not namhlanje?

Nosanti:
(Enomsindo) Kutheni undonyanya Senzo. Ndashwatyulelwa ngubani apha kuwe. Abaxoki moss abantu abathi uno Nomzi. Qho ufika apha ulala ecaleni kwam. Uqaleni nini Senzo ukuba ngudadwethu. Okanye usana lwam?

Senzo:
Swabula ude uyeke. Ndavota kwelilizwe ndivotela ilungelo lokudinwa Ndixhamla lona ngoku.

Nosanti:
Wavotela nelungelo lokulala nabafazi babantu? Ndigxothe Senzo xa ungasandifuni. Andendelanga bhedini apha, ndendele kuwe

… continued next page ...